Friday, October 5, 2007

Imbali yesiXhosa

AmaXhosa akholelwa ukuba eli gama lithi "Xhosa" lisuka kwisinyanya sawo samandulo esasiliqhawe ezimfazweni. Ithi ke le mbali oluhlanga lusisizukulwana sesinyanya eso. Ngokwalembali uXhosa lowo wayezalwa noZulu noSwazi nguyise wabo owayegama linguNguni. Kunzima ukuyiqinisekisa le nkolo kuba kakade amaXhosa akananto iphathekayo eyabhalwa ngawo ngembali yawo.
Imbali esuka kwabasemzini ithi yona eli gama lithi "Xhosa" lisuka kwigama lesiThwa elithi "kosa". Futhi eligama lithi "kosa" ligama lesiThwa elithetha abantu abanomsindo. Ithi ke imbali ebhalwe ngabasemzini kungenzeka ukuba igama elo lalisetyenziswa ngabaThwa xa bethetha ngamaXhosa kuba amaXhosa eseba iinkobo zabo.

Ifika ibenzima ukuyikholelwa le mbali yabasemzini kuba kakade asinamzekelo wohlanga oluzibiza ngegama alithiywa ngabantu bolunye uhlanga. Xa ubani ethiya igama esiXhoseni sukuba ebonakalisa ukuba nebhongo negugu ngento leyo ayithiyayo. Akhona wona amagama antsingiselo yawo igoso athi athiywe izinto ezithile. Kodwa andiqondi noko ukuba amaXhosa ayenokuzibiza ngokwawo ukuba bangabantu abanomsindo kuba esiva ebizwa njalo ngabaThwa. Enye into le mbali yasemzini ayitsho ukuba phambi kokuba aba bantu ibe ngamaXhosa yayingamantoni na.

No comments: